IPHULO ELILINGWAYO LETISSA
I-TISSA sisishunqulelo sesiNgesi esimele " INkonzo yoMzantsi Afrika yokuTolika eFowunini". Le nkonzo iya kwenza abemi boMzantsi Afrika bakwazi ukufikelela kwiinkonzo zikarhulumente ngeelwimi zabo. Itoliki, iya kuthi ngokusebenzisa ifowuni incothule imiqobo exabe endleleni yonxibelelwano.
I-TISSA iqalwe yiNkonzo kaZwelonke yeeLwimi, elisetyana leSebe lezobuGcisa, iNkcubeko, iNzululwazi nobuChwepheshe. Ikhabhinethi yalivuma ilinge leTISSA ngowe-1998.
Umzekelo nanku; Ukuba wena nogqirha wakho, anivani ngeelwimi, wena okanye ugqirha wakho ningatsalela umnxeba kwinombolo yasimahla eya kukudibanisa neziko lomnxeba (eliza kube lisePitoli).
Kwiziko lomnxeba, igosa loqhakamshelwano ngomnxeba liza kukudibanisa netoliki ekwaziyo ukuthetha ulwimi lwakho nolwimi lukagqirha.
Ugqirha kufuneka abe nomnxeba onomatshini wokuthetha okanye iminxeba emibini efakwe kwisokethi enye, ukuze wena nogqirha nikwazi ukuphulaphula itoliki.
Ugqirha uza kuthetha netoliki, ukuze yona ikutolikele umyalezo.
Ke wena uza kuphendula, ukuze yona itoliki itolikele ugqirha oko ukuthethileyo.
ITISSA izilungiselele zolishumi elinanye iilwimi zaseburhulumenteni, uLwimi lweMiqondiso.
Kujoliswe kweziphi iindawo?
Izikhululo zamapolisa
Izibhedlele
I-Tissa eMzantsi Afrika iya kudlala indima ebalulekileyo kuphuhliso lwamalungelo olwimi namalungelo oluntu ngokunjalo.
Iya kudlala indima ebalulekileyo ekukhuthazeni ukusetyenziswa kwazo zonke iilwimi zaseburhulumenteni.
Umba wokunqaba kwemisebenzi uya kuvelelwa kuba kaloku abantu abakwisithuba sama-40 abafanelekileyo abangasebenziyo baza kufunwa, bakhethwe baze baqeqeshwe njengeetoliki zomnxeba.
Inkonzo elilinge iya kuqhuba kwiindawo ezikhethiweyo ezibalulekileyo kwiinginqi zasemaphandleni nezasedolophini eMzantsi Afrika.
Inkonzo yolingo ye-TISSA iya kuba yinkonzo eyodwa ngenene, kuba iya kube iyinkonzo yokuqala elolu hlobo e-Afrika!
Ukuba eli linge emva kweenyanga ezisi-8 liye labonisa impumelelo, iya kuqhutywa le nkonzo kwaye yandiswe ibandakanye nezinye iilwimi, iya kufumaneka iiyure ezingama-24 ngemini, iintsuku ezisixhenxe zeveki kwaye iya kufumaneka nakowuphi na umnxeba apha elizweni!
IKamva
Ulwazi olufunyenwe kule nkonzo yolingo luyakwazisa ukuba ingaba inkonzo epheleleyo kungenziwa izincomo ngayo na kwikhabhinethi ekuqaleni ku-2003.
Inombolo yomNxeba: 401 2405
Olu xwebhu luyafumaneka nangezinye iilwimi ezili-10 zaseburhulumenteni.
